Nasipi Soyizwapi

Biography

Igama lam ndinguNasipi Soyizwapi. Ndizalwa nguVusumzi Soyizwapi uNozulu, kunye nentombi yakwaNgxabane kuQumbu uDisteria Pula. Ndizalelwe, futhi ndakhulela kwidolophu encinci ebizwa ngokuba yiUgie kwilali yaseGqaqhala. ISixhosa lulwimi lwam lwenkobe endithe ndaluncanca ebeleni ndiseyimveku, ndakhula ndaza ndayintombi kanantsi ndisaxhamla kulendebe ityebe kangaka yakwaXhosa. Ndikhule ndisazi ukuba isidima simntu sixhomekeke ekwazini umnombo wakhe ukutsho ke kukwazi ukuba uvela phi, uyaphi, ilele phi inkaba yakho? Konke ke oku ndikwazise ngokuthi ndizijule ijacu kwisiXhosa Sam senkobe. Ndibhale lencwadi ethi "Isikhalo Sakho Nomdade siluncuthu kwezam iindlebe" ngolwimi lwam lwenkobe, ngoko ke ndithi mzontsundu rhabul'ungafinci.

Smashwords Interview

Where did you grow up, and how did this influence your writing?
I grew up at Ugie, a small town near Maclear, in a village called Gqaqhala. Being a village girl taught me that for a person to survive, one have to grab an opportunity as it comes without considering others feelings. The environment that I grew up in influenced me to write.
When did you first start writing?
I started writing in 2017 when I was in my gap year.
Read more of this interview.

Books

Isikhalo Sakho Nomdade Siluncuthu Kwezam Indlebe
Price: $4.99 USD. Words: 43,790. Language: Xhosa. Published: August 9, 2019 . Categories: Fiction » Cultural & ethnic themes » Cultural interest, general
Le ncwadi ethi “isikhalo sakho nomdade siluncuthu kwezam iindlebe” ibalisa ngobomi bukaKwenzeka, ovezwa nje ngentombi enolunya, enomona, futhi ekholelwa emlingweni. Ukwenzeka ukhulele kwikhaya elinothando, imfundiso, ubutyebi, futhi elithobela uThixo, kodwa yena wavele waphuma ecaleni kuba wayengathobeli nenye into kwezi.

Nasipi Soyizwapi's tag cloud